1 Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko.
2 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.
3 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
5 Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
6 Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
7 IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo báyibona, bakúhleka ukucinywa kwayo.
8 IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba baboné ubuzé bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
9 Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.
10 Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingené engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
11 Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barholé izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bóna, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
12 Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
13 Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.
14 Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
15 INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
16 Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
17 IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge; IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
18 Úlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
19 Ndibizé izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
20 Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
21 Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwé nguwe. Ùyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
22 Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.
1 Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.
2 INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.
3 Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyisé umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.
4 Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.
5 INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.
6 Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenzé walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.
7 INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nèthe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.
8 UYehova ucingé ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolulé ulutya lokulinganisela, àkasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.
9 Amasango ayo atshonile emhlabeni; úyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.
10 Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Úzithòbele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.
11 Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
12 Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
13 Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
15 Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
16 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
17 Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, àkaconga; Wenzé lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamisé uphondo lwababandezeli bakho.
18 Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Lùdonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
19 Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
20 Bóna, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wènjénje ukumphatha kakubi? Abafazi bangádla isiqhamo somzimba wabo na? Badlè abantwana ababathantamisayo na? Angábulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
21 Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ùbulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.
22 Ùkumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.
1 Ndim indoda eboné iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.
2 Úndikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.
3 Úbuyé wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.
4 Úyonakalisile inyama yam nolùsu lwam; uwaphule amathambo am.
5 Úndakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.
6 Úndibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.
7 Úndibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.
8 Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.
9 Úzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenzé goso iingqushu zam.
10 Kum úyibhere* elalelayo, úyingonyama esezintsithelweni.
11 Úzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenzé inxuwa.
12 Úsigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni* yotolo lwakhe.
13 Úzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.
14 Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.
15 Úndihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.
16 Úwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.
17 Ùwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.
18 Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.
19 Zíkhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.
20 Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.
21 Oko ndikunyamekèle ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.
22 Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.
23 Zintsha imisó ngemisó; kukhulu ukuthembeka kwakhe.
24 Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.
25 UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
26 Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
27 Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
28 Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
29 Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungábakho ithemba mhlawumbi.
30 Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihlùthe yingcikivo.
31 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
32 Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
33 Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibènze babe nosizi oonyana babantu.
34 Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
35 Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
36 Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
37 Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
38 Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
39 Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
40 Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
41 Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizisé kuThixo emazulwini.
42 Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.
43 Ùzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubuléle akwaconga.
44 Ùzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.
45 Ùsenzé inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.
46 Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.
47 Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.
48 Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.
49 Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,
50 Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.
51 Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.
52 Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelizé.
53 Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
54 Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.
55 Ndinqulé igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.
56 Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.
57 Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.
58 Ùwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.
59 Ùkubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; lígwebe ityala lam.
60 Ùyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.
61 Ùkuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,
62 Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.
63 Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kúbheke; ndiyingoma yabo.
64 Bábuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.
65 Bánike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.
66 Básukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.
1 Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke.
2 AbeZiyon abanqabileyo, ábamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi.
3 Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango.
4 Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo.
5 Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala.
6 Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwáyo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.
7 Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale,* isibili sabo besinjengesafire;*
8 Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulùsu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.
9 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.
10 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.
11 Úbuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo. Ukuba ubengángenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.
13 Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalazé igazi lamalungisa phakathi kwayo.
14 Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.
15 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakùsaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona.
16 Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.
17 Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.
18 Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.
19 Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.
20 Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.
21 Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; ùya kunxila, uzihlube.
22 Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Ùya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Ùya kuzityhila izono zakho.
1 Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu.
2 Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga.
3 Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi.
4 Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.
5 Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla.
6 Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka.
7 Oobawo bonile, àbasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo.
8 Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo.
9 Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu ùsisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango.
10 Ulùsu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.
11 Badlwengulé abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.
12 Baxhomé abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu àbubékwa.
13 Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni.
14 Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi.
15 Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela.
16 Síwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile.
17 Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;
18 Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo.
19 Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.
20 Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide?
21 Síbuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo.
22 Ùngaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?